Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 60:4-16 Ibhayibhile (XHO96)

4. Khawubheka-bheke ude uqwalasele;bonke bayaqokelelana, bayeza!Oonyana beza bevel' ekudeni;iintombi zona ziza zisingathiwe.

5. Wothi ungabona, utsho ube nemihlali;uya kutsho uhlasimle kukuchulumacha.Kaloku ubutyebi bezizwe boza kuwe;ubutyebi bothi gqi naphesheya kweelwandle.

6. Ilizwe lozala yimihlambi yeenkamelanamankonyane aseMidiyan naseHefa.NabaseShebha baya kuza begxalathelana,bepheth' igolide kunye nesiqhumiso,bebhengeza bedumisa uNdikhoyo.

7. Zonke iigusha zakwaKedare zoba zezakho;wosebenzisa iinkunzi zeegusha zakwaNebhayoti.Zona ziya kutsho ngamadini amkelekileyo eqongeni lam;ndoyihombisa indlu yam enesihomo.

8. Zinto zini ezi zibhabha njengamafu,ezi zingathi ngamahobe egoduka?

9. Ziinqanawe ezivela emazweni,kukhokel' ezaseTashishe –nâzo zigodusa abantu bakaThixo.Beza bepheth' igolide nesiliva;ngazo badumisa igama likaNdikhoyo.Lowo ke nguThixo oyedwa kaSirayeli,yena unithe jize ngesihomo nesithozela.

10. KwiJerusalem ke uNdikhoyo uthi:“Iindonga zakho zokwakhiwa ziintlanga,izikumkani zazo ke zona zikuququzelele.Kuba kaloku ndanohlwaya ngomsindo,ke ngoku ndiyimvuze-mvuze ngobubele.

11. Amasango akho ohlala evulwe ng'aa!Imini nobusuku wona soze avalwe,ukuze abantu bakuzisele ubutyebi bezizwe,izikumkani zazo ziluludwe,zona zingumngcelele wabathinjwa.

12. Ke sona isizwe ndawonye nookumkanibonke abangakubusiyo botshabalala;baya kuvuthululwa baphele tu.

13. “Iqhayiya lamahlathi aseLebhanon loza kuwe,imithi yesipresi, umpleyini, nompayini,yoziswa kuhonjiswe ngayo indlu kaThixo,ukuze umzi wakhe undiliseke.

14. Baya kuza abo babekade bekucinezela,bafike bakhahlele babuse kuwe.Nabo bonke abebekade bekudelile baya kuwisa kuwe bekhahlela,besithi wena usisixeko sikaNdikhoyo,iZiyon kaYedwa kaSirayeli.

15. “Nangona ushiyiwe uthiyiwe,kungasekho bani udlulayo,ndiya kukwenza iqhayiya laphakade,uvuyo lwezizukulwana ngezizukulwana.

16. Izizwe nezikumkani ziya kukuququzelela,zifane nomfazi okhulisa usana lwakhe.Nawe ke uya kutsho uqonde ukuba ndim mna Ndikhoyo okusindisileyo,wazi ukuba ngenene ukhululwe yiNgangalala enguThixo kaYakobi.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 60