Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 60:19-22 Ibhayibhile (XHO96)

19. Emini awusayi kukhanyiselwa lilanga;ebusuku alisayi kubakho ilitha lenyanga;koko wokhanyiselwa bubungangamsha bam;mna Ndikhoyo ndokukhanyisela ngonaphakade.

20. Awusayi kuphinda utshonelwe langa,nenyanga ayisayi kubuya iphele;uNdikhoyo wokukhanyisela nanini-nanini,ingaze ibuye ibekho imihla yesingqala.

21. Abantu bakho boba ngabalungileyo,umhlaba bawume kude kube ngunaphakade.Bona basisithole esimiliselwe ndim;ewe, bangumsebenzi wezandla zam,ukuze babhengeze udumo lwam jikelele.

22. Noyena ungathangani uya kuba njengomkhosi,kanti noyena ungazelwe nto woba sisizwe esomeleleyo.Lakufika ixesha le nto ndoyenza ngesiquphe,kuba kaloku mna ndinguNdikhoyo.”

funda isahluko epheleleyo Uisaya 60