Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 56:5-8 Ibhayibhile (XHO96)

5. ndonenzela isikhumbuzo negama endlwini yam,elingaphezu kokuba noonyana neentombi,nditsho igama elingasoze litshitshe.

6. Iintlanga ezizibandakanya noNdikhoyo,ezizinikeleyo kuye zimsebenzela,ezizimiseleyo ukuba zizicaka zakhe,lowo uwuhloneleyo uMhla wokuPhumla,umntu ongawudeliyo awuxabhele,owuthobelayo pheleleyo umnqophiso wam –

7. abanjalo ndobasa kwintaba yam eyodwa,bonwabe endlwini yam yokuthandaza.Amadini abo atshiswayo kunye neminikeloaya kwamkeleka kwiqonga lam lamadini.Kaloku indlu yam kothiwa yindlu yokuthandaza iintlanga zonke.”

8. Utsho ke uMhlekazi uNdikhoyo,nditsho umqokeleli weembacu zikaSirayeli:“Ndisaza kuqokelela nabanyengaphandle kwâbo sendibaqokelele.”

funda isahluko epheleleyo Uisaya 56