Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 53:9-12 Ibhayibhile (XHO96)

9. Engcwabeni walala nezikhohlakali,ngokunjalo nesityebi ekufeni kwakhe,nakuba wayengenzanga lugonyamelo,engazange waba ngokhohlisayo.”

10. Kanti yintando kaNdikhoyo ukuba abandezeleke abulawe,khon' ukuze ukufa kwakhe kube lidini lokungxengxezela izono.Ngoko ke wobona nezizukulwana;uya kukhula ade akhokhobe;ngaye intando kaNdikhoyo yofezekiswa.

11. Ngenxa yembandezelo yakhewobuya axhamle ulonwabo.Uthi uNdikhoyo:“Ngokwazana nesi sicaka sam sindikholisayoabaninzi bofumana ubulungisa.Kaloku sona sibuthwele ubugwenxa babo.

12. Yena ndomabela isahlulo phakathi kweendwalutho,abe nenxaxheba kumaxhoba ndawonye namagorha.Kaloku waziqongqothela ekufeni,wada wabalwa nabakreqi.Kaloku usithwele isono sabaninzi,wenza isingxengxezo ngenxa yabakreqileyo.”

funda isahluko epheleleyo Uisaya 53