Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 53:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke abantu bophendula bathi:“Ngubani ongékholiwe ludaba esiluvileyo?Ngubani ongéwuqondile umnwe kaNdikhoyo?

2. Kaloku isicaka sikhule njengesithole kwelibharhileyo,suke asabi namfaneleko nabunganga,saba ngasijonga asabi namtsalane.

3. Abantu basidelile basibukula,saba ngumntu wenkxwaleko nentlungu.Saba njengalowo ufulathelwayo, engasiwa so;saba ngulowo udeliweyo, nathi asasikhathalela.

4. “Kanti ngenene buthwelwe nguye ubuthathaka bethu,inkxwaleko yethu yâsemagxeni akhe.Ngenene thina besiba ubandezelekile,sisithi uyabethwa nguThixo.

5. Phofu ke ungxwelerhwe ngenxa yokukreqa kwethu;ewe, ubulewe ngenxa yobugwenxa bethu.Ukohlwaywa kwakhe kusiphathele uxolo;thina sinyangwe ngamanxeba akhe.

6. Sonke salahleka njengeegusha,elowo wabhadula ngeyakhe indlela;ke yena uNdikhoyo wamwisela ngobugwenxa bethu sonke.

7. “Ewe, yena waphathwa gadalala,kodwa wathi cwaka, akakhalaza tu.Waba njengexhwane eliya kuxhelwa,wathi cwaka njengegusha ichetywa;ewe, akawuvulanga umlomo wakhe.

8. Wanqanyulwa ngengcinezelo nesigwebo.Kwisizukulwana sakhe ngubani oyiqondileyo le nto?Inene, wanqanyulwa kwelabaphilayo;wabethwa ngenxa yezikreqo zamawethu.

9. Engcwabeni walala nezikhohlakali,ngokunjalo nesityebi ekufeni kwakhe,nakuba wayengenzanga lugonyamelo,engazange waba ngokhohlisayo.”

funda isahluko epheleleyo Uisaya 53