Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 53:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke abantu bophendula bathi:“Ngubani ongékholiwe ludaba esiluvileyo?Ngubani ongéwuqondile umnwe kaNdikhoyo?

2. Kaloku isicaka sikhule njengesithole kwelibharhileyo,suke asabi namfaneleko nabunganga,saba ngasijonga asabi namtsalane.

3. Abantu basidelile basibukula,saba ngumntu wenkxwaleko nentlungu.Saba njengalowo ufulathelwayo, engasiwa so;saba ngulowo udeliweyo, nathi asasikhathalela.

4. “Kanti ngenene buthwelwe nguye ubuthathaka bethu,inkxwaleko yethu yâsemagxeni akhe.Ngenene thina besiba ubandezelekile,sisithi uyabethwa nguThixo.

5. Phofu ke ungxwelerhwe ngenxa yokukreqa kwethu;ewe, ubulewe ngenxa yobugwenxa bethu.Ukohlwaywa kwakhe kusiphathele uxolo;thina sinyangwe ngamanxeba akhe.

6. Sonke salahleka njengeegusha,elowo wabhadula ngeyakhe indlela;ke yena uNdikhoyo wamwisela ngobugwenxa bethu sonke.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 53