Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 50:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo uthethe wathi:“Ùthi abantu bam ndabagxothaokomfo esahlukana nomfazi wakhe?Ziphi ke iincwadi zolo qhawukano?Ngaba ndanithengisa kubaninjengomfo othengisa ngekhoboka lakhe?Hayi kaloku, nathengiswa ngenxa yezono zenu;nagxothwa wena nonyoko ngenxa yamatyala enu.

2. Ndakufika akubangakho bani undamkelayo;ndaba ngamemeza akwasabela mntu.Ngaba imfutshane na ingalo yam?Ngaba andinako na ukukukhulula?Mhlawumbi makube andinamandla na ukuze ndikusindise?Ndithi ndingakhalima lome qoko ulwandle,imilambo itsho ibharhe,iintlanzi zife kukunqaba kwamanzi;yeka ke elo phunga!

3. Isibhakabhaka ndisivathisa ngobumnyama,amazulu anxibe ezokuzila.”

4. UMhlekazi *uNdikhoyo undazisile into emandiyithethe,ukuze ndikhuthaze abo batyhafileyo.Ntsasa zonke undivusa ndiphulaphulenjengalowo ufundiswayo.

5. UMhlekazi uNdikhoyo undivule ingqiqo;nam ke zange ndivukelane naye,ngenene zange ndirhoxe kuye.

6. Ndazinikezela kwabo bandibethayo,kwabo banditsala-tsalayo, bencothula intshebe yam,bephatha kunditshicela ebusweni bendinyelisa.

7. Kaloku uMhlekazi uNdikhoyo uyandisiza;ngoko ke andiyi kuhlazeka.Ndikulungele ukunyamezela;ewe, andisayi kudana.

8. UThixo ondithethelelayo ukufuphi nam;yena wosuka andigwebele.Ngubani ke ongade andimangalele?Makeze kaloku, siye enkundleni;makachaze izityholo andibeka zona.

9. Mna ndithethelelwa nguMhlekazi uNdikhoyo.Ngubani ke onako ukundigweba?Abandimangalelayo boguga njengengubo;nabo baya kumemethwa ngamanundu.

10. Ngoobani na abamnqula ngentlonelo uNdikhoyo,abasiphulaphulayo isicaka sakhe?Ofikelwa bubumnyama, ekude nokukhanya,makathembele ngoNdikhoyo;ewe, makakholose ngoThixo wakhe.

11. Nina baphembi bamayelenqe,isikhuni sobuya nomkhwezeli.NguNdikhoyo oya kuyenza loo nto,ke wena ufe ungcungcuthekile.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 50