Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 5:9-18 Ibhayibhile (XHO96)

9. Ndimvile *uNdikhoyo onamandla onke;ewe, ufunge wathi:“Ngenene la mapomakazi ezindlu ndowatsho akhal' ibhungane,neenzwakazi zemizi zoba ngamanxuwa.

10. Kwisidiliya esiziindima ezilishumikuya kuphuma umphanda wewayini kuphela,ize yona imbewu ezele ingoboziivelise isitya sengqolowa kuphela.”

11. Yeha! Kunyembelekile kuni,nina bavuka ekuseni,nisukelana notywala kube njeya;nina bajikeleza kude kube sebusuku,nide nibe zizinxada-nxada kukunxila!

12. Kwezo ziyunguma sisigingci nehapu,umrhubhe nefluthi, ndawonye notywala;uNdikhoyo yena animkhathalele,nemisebenzi ayenzayo aniyihoyanga.

13. Ngenxa yokuba bengaqiqiabantu bam baza kuthinjwa.Oomaqhuzu babo bofa yindlala,ngokunjalo nomndilili ufe lunxano.

14. Ngoko ke elabafileyo libalambele;ewe, ingcwaba likhamise ng'aa,liza kuziqongqoloza izihandiba zaseJerusalem.Ngokunjalo nezihlwele ziya kutshona kulo,ingabi yongxolo ke, ibe yingxuba kaxaka!

15. Abantu baya kuthotywa bawe bhaxa;abakhukhumeleyo baya kuhlazeka.

16. Kodwa ke uNdikhoyo onamandla onkeuphakanyiswa bubulungisa bakhe;ewe, yena uThixo onguYedwawozicacisa ngobulungisa bakhe.

17. Amatakane aya kutya kuloo mabhodlo,nawebhokhwe atsho afumane idlelo.

18. Lusizi lodwa kwabarhuqa ukona ngomnxeba wokuxoka,abo balandelwa sisono ngathi basirhuqa ngentsontela,

funda isahluko epheleleyo Uisaya 5