Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 5:18-26 Ibhayibhile (XHO96)

18. Lusizi lodwa kwabarhuqa ukona ngomnxeba wokuxoka,abo balandelwa sisono ngathi basirhuqa ngentsontela,

19. abo bathi: “UThixo makakhawulezise;makangxame enze sibone kaloku.Masifike isicwangciso sikaYedwa kaSirayeli,ukuze nathi sibe nokusiqonda.”

20. Kulusizi kwabathi ububi kokuhle,nakwabo bathi okuhle bububi;nditsho abathi ubumnyama kukukhanya,bajike bathi ukukhanya bubumnyama.Bona ekrakrayo bathi imnandi,ukanti emnandi bathi iyakrakra.

21. Kunyembelekile kwabo bazicingela ukuba bazizilumko;nditsho abo bazicingela ukuba bandwebile.

22. Yeha ke nina, makroti asetywaleni,nina bangamachule okuxuba utywala;

23. nditsho nina bamkhululayo onetyala,ngenxa yokuba nifumene isicengo,nina babugqwethayo ubulungisa komsulwa!

24. Ngoko ke niya kufana nomququ,wona ulencwayo lidangatye;nani niya kuba njengengca,yona ishwatyaniswayo ngumlilo.Niya kusuka nibole iingcambu;intyatyambo yenu iya kuvuthuluka.Kaloku niyimangele ingqeqesho kaNdikhoyo onamandla onke,nalitshica ilizwi likaYedwa kaSirayeli.

25. Ewe, uNdikhoyo uyalwa nabantu bakhe;wosuka abathi mpaka ngesandla sakhe!Ke zona iintaba zonyikima,izidumbu zibe yinkunkuma ezitalatweni.Naxa kunjalo nje usavutha ngumsindo;ewe, akajiki, uyalekuza.

26. UNdikhoyo uza kuxhokonxa isizwe esikude;uza kuntyontyela esiseziphelweni zehlabathi.Nâso ke sisiza sigxalathelana!

funda isahluko epheleleyo Uisaya 5