12. Kwezo ziyunguma sisigingci nehapu,umrhubhe nefluthi, ndawonye notywala;uNdikhoyo yena animkhathalele,nemisebenzi ayenzayo aniyihoyanga.
13. Ngenxa yokuba bengaqiqiabantu bam baza kuthinjwa.Oomaqhuzu babo bofa yindlala,ngokunjalo nomndilili ufe lunxano.
14. Ngoko ke elabafileyo libalambele;ewe, ingcwaba likhamise ng'aa,liza kuziqongqoloza izihandiba zaseJerusalem.Ngokunjalo nezihlwele ziya kutshona kulo,ingabi yongxolo ke, ibe yingxuba kaxaka!
15. Abantu baya kuthotywa bawe bhaxa;abakhukhumeleyo baya kuhlazeka.
16. Kodwa ke uNdikhoyo onamandla onkeuphakanyiswa bubulungisa bakhe;ewe, yena uThixo onguYedwawozicacisa ngobulungisa bakhe.
17. Amatakane aya kutya kuloo mabhodlo,nawebhokhwe atsho afumane idlelo.