Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 49:9-21 Ibhayibhile (XHO96)

9. amabanjwa uwathethele uthi:‘Yinkululeko; khululekani;’uthi kwabo basebumnyameni:‘Phumani, nize ekukhanyeni.’“Bona baya kutya ngasezindleleninjengeegusha ezitya ezindulini.

10. Abayi kubuya balambe banxanwe;ilanga lentlango aliyi kubenzakalisa.Baya kwaluswa ngulowo unovelwano,abakhokelele kwimithombo empompozayo.

11. Ndogqobhoz' iintaba, ndivul' uhola,abantu bam ndibahlahlel' indlela.

12. Bona bothi gqi kwelikude –nditsho kwelasentla nasentshonalanga –bophum' eSinim kwelasezantsi.”

13. Memelelani ngovuyo, nina mazulu;yeyezela uhlahlambe, wena mhlaba;hlokomani nivume, nina zintaba!Kaloku uNdikhoyo uyabathuthuzela abantu bakhe;uhlabekile ziinkxwaleko zeentsizana zakhe.

14. Ke yena uZiyon uthi:“Hayi bo! UNdikhoyo undifulathele;iNkosi isuke yandilibala.”

15. Waphendula ke esithi:“Ngaba umfazi angalulibala na usana lwakhe,ade angavakalelwa ngowakhe umntwana?Noba ke yena angade amlibale,okokwam ke mna soze ndikufulathele,

16. kuba igama lakho ndilivambile,ndilithe tyaba esandleni sam;iindonga zakho zihlala zisemehlweni am.

17. Bayeza oonyana bakho;baza kuphinda bakuvuse;abakutshabalalisayo bayemka.

18. Khawulaqaze uqwalasele:nâbo oonyana bakho bexhontelana;nâbo bebuya begxalathelana.Ndiyafunga mna Thixo ophilayo,nawe wozingca ngoonyana bakho,uxel' umtshakazi ngobuyoko-yoko bakhe.

19. “Ngenene ilizwe lakho labhukuqwa lada labharha,kodwa ngoku loba lincinane kunabo,lingabalingani abo babuyela kulo;abo balibhukuqayo boba sebekude.

20. Abantwana obazalele ekuxhwalekeningeny' imini baya kuthi kuwe:‘Lo mhlaba mncinane gqitha;sivulel' indawo, ukuze sime nathi!’

21. Uya kwandula ke uthi:‘Ndibathathe phi abantwana abangaka?Ndandingaphathi, ndiludlolo;kaloku ndathinjwa ndagxothwa.Kambe ke bakhuliswe ngubani aba?Mna ndasala ndiyimpula kalujaca,ngaba luphuma phi na usapho olungaka?’ ”

funda isahluko epheleleyo Uisaya 49