Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 45:15-24 Ibhayibhile (XHO96)

15. Thixo kaSirayeli, uyabahlangula abantu bakho;wena unguThixo ofihlakeleyo.

16. Abaqingqi *bemifanekiso basehlazweni;ngenene ke bona bonyoshoza bephoxekile.

17. Ke yena uSirayeli wahlangulwa nguNdikhoyo;olwakhe usindiso lohlala luhleli;yena akasoze ahlazeke aphoxeke nanini nanini.

18. UNdikhoyo nguye umdali wamazulu;ngenene nguye oyena-yena Thixo.Ihlabathi eli labunjwa nguye;walenza waza walizinzisa.Akalenzanga laba ngumqwebedu obharhileyo;walenzela ukuze limiwe luluntu.Yena ke uthi: “Ndim uNdikhoyo;akukho Thixo wumbi.

19. Ewe, mna andithethanga ekusitheleni,nenjongo yam andizange ndiyifihle.Mna andiyixhamlanga indlu kaYakobi,ndingatshongo nokuba mayindifune enkqantosini.NdinguNdikhoyo; mna ndiyayithetha inyaniso,mna ndiyakuvakalisa oko kuqinisekileyo.

20. “Qokelelanani, nonke zizwe;nditsho nina, mingqandanda esindileyo.Yizani kaloku nizokuxoxa,bantundini bazizityhakala ezingazi nto,nina batyethe imifanekiso yomthi,nina banqula *oothixo abangento yanto.

21. Yizani kuxoxa enkundleni;mabathetha-thethane abamangalelwa.Ngubani owayixela kwamandulo le nto?Ngubani owayivakalisa ingekenzeki?Asindim na Ndikhoyo?NdinguThixo osindisayo, olilungisa;ngaphandle kwam akukho Thixo.

22. “Khangelani kum nisindiswe,nina zizwe zehlabathi liphela.Kaloku ndim uThixo, akukho wumbi.

23. Ngenene ndiyafunga,yaye esam isifungo sinyanisekile;ewe, sona soze siguquke:Zonk' iintlanga zokhahlela kum,zifunge ukuba zondithobela.

24. Zovuma zithi: ‘KukuNdikhoyo kuphela ukuzuzwa kosindiso namandla.’ ”Ke bona abamthiyileyo bohlazeka.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 45