Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 43:18-28 Ibhayibhile (XHO96)

18. “Kambe ke sanukubambelela kwisiganeko sezolo;hayi bo, sanukunokoza ezamandulo.

19. Khangelani ke, ngoku ndenza entsha;ewe, seyisenzeka, nani niyayibona.Ndiza kuvul' indlela enkangala,kutsho kuqukuqele imilambo entlango.

20. Neenyamakazi ngokwazo zondihlonela,oodyakalashe neenciniba zindincome,xa sendimpompozis' amanz' entlango,kubalek' imilambo enkangala,khon' ukuze lusel' usapho lwam,nditsho usapho olukhethiweyo,

21. bantu abo ke ndazidalelayo,khon' ukuze bandidumise.”

22. *UNdikhoyo uthi:“Suka ke wena, Yakobi, akwandinqula;ewe, suka akwaziduba ngam, wena Sirayeli.

23. Akuwenzelanga mna amadini atshiswayo;ewe, akundiwonganga ngeminikelo.Phofu akuxhanyulwanga ndim ngamadini;andikukhathazanga nangaziqhumiso.

24. Akundenzelanga siqhumiso sivumba limnandi,ungandanelisanga nangamanqatha ezilwanyana;suka wandisinda ngezono zakho,wandikruqula ngemikhuba oyenzayo.

25. “Ukanti mna ndim ozisusayo izono zakho.Ndenjenjalo ngenxa yesidima sam;ukundivukela kwakho sobe ndibe sakukhumbula.

26. Yiza ke undimangalele;yiza kaloku sixoxe,ukuze kucace onetyala.

27. Kaloku ukhokho wenu wôna,neenkokheli zenu zandivukela.

28. Mna ndozihlazisa izithwala-ndwe zesibingelelo senu,ngoko ke uYakobi ndomzisela intshabalalo;ewe, amaSirayeli ndiwayekele abe sisigculelo.”

funda isahluko epheleleyo Uisaya 43