Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 42:18-25 Ibhayibhile (XHO96)

18. *UNdikhoyo uthethe wathi:“Khaniphulaphule ke, nani zithulu;khangelani nibone, nani zimfama.

19. Kakade ngubani oyimfama kunesicaka sam?Sithulu saphi esidlula isigidimi sam?Ngubani oyimfama okwalowo ungowam;nditsho oyimfama njengesicaka sikaNdikhoyo?

20. Ewe, ubonile kambe, Sirayeli;nto nje ayikuncedanga nto loo nto;uvile kambe nangeendlebe zakho,kodwa suka awaphulaphula.”

21. UNdikhoyo othembekileyo yena ulangazelel' ukunceda;imfundiso yakhe uyayiqaqambisa.

22. Kambe ke aba bantu zizisulu zokuxhatshazwa;sebatshixelwa kwamnyama-ndawo,bade baya kufihlwa ezintolongweni.Ziindwayi ezingamaxhob' ukuxhatshazwa;ziintw' ezingenabani wakuzihlangula.Akakho othi: “Godukani ngoku.”

23. Yaz'ba ngubani na ozimiseleyo ukuphulaphulaukuze aqonde kwixa elizayo?

24. Nguban' ophise ngoYakobi kubaphangi,onikele ngoSirayeli kubaxhaphazi?IkwanguNdikhoyo lo sikreqe kuye,sisuke asahamba ngendlela yakhe,suka asaphulaphula simthobele.

25. Suka ke wavulela umsindo wakhe,ukuze thina sidad' emfazweni.Utsho ngomsind' odangazelayo,koko uSirayeli tu ukuqonda;suka wavaleka mpela-mpela,akahoya nokuhoya.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 42