Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 42:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo uThixo uthethe wathi:“Nasi isicaka sam endisixhasayo.Yena ngumnyulwa wam ondikholisayo;ndimthe jize ngoMoya wam,izizwe zonk' uziphakel' ubulungisa.

2. Yena akakhwazi amemeze;hayi, akadanduluki ezitalatweni.

3. Ingcongolo ecekethekileyo soze ayaphule,nesibane esilozisayo soze asicime,koko uphak' ubulungisa ngokunyaniseka.

4. Yena ke soze atyhafe adangale,de aphak' ubulungisa ehlabathini;nezizw' ezikude zilindel' umthetho wakhe.”

5. Nalu udaba lukaThixo uNdikhoyo,umdali owatwabulula amazulu;nguye owalaneka ihlabathi nako konk' okwalo;abemi balo wabaphakel' ubomi,abantu balo wabanik' ukuphefumla:

6. “Mna Ndikhoyo ndikubizile;ewe, ndingothembekileyo.Kaloku ndosoloko ndinawe,ndikulondoloze,ndikwenze umnqophiso nabantu bam,ube kukukhanya ezizweni.

7. Wena uza kuvula amehlo eemfama;nguwe oza kukhulula amabanjwa;nguwe oza kuvula intolongo emnyama.

8. “Mna *ndinguNdikhoyo – igama lam ncakasana.Ubungangamsha bam andinikisi ngabo;udumo lwam aluzuzwa *yimifanekiso enqulwayo.

9. Zinto endazixelayo zenzekile,futhi nezintsha ngoku ndiyazibhengeza;ewe, ndizixela zingekathungululi.”

10. Ntyilozani niculele *uNdikhoyo ingoma entsha.Malimdumise limbonge ihlabathi jikelele;nditsho nani nonke abahamba phezu kolwandle.Mazingathi cwaka nezilwanyana zolwandle;nezikud' izizwe mazibonge zibongisele.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 42