Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 40:4-16 Ibhayibhile (XHO96)

4. Zonke izigingqi mazidityelelwe,iintaba neenduli zidilizwe zibe ngamathafa,ke zona izixhobo zigqalwe zibe ziintili,amageduka aletyelwe abe zizithabazi.

5. Ke ubungangamsha bukaNdikhoyo buya kutyhileka,lonke uluntu lububone.Kaloku lowo ngumlomo kaNdikhoyo.”

6. Ndeva ilizwi lisithi:“Suka udanduluke uthethe.”Ndibuze ndathi: “Ndithethe ndithini na?”“Yithi: ‘Bonke abantu banjengengca;ubomi babo bulingana nobeentyatyambo.

7. Kaloku ingca iyabuna, ivuthuluke intyatyamboyakubethwa ngumoya kaNdikhoyo.Ngenene uluntu nqwa nengca.

8. Ingca iyatshaza, yona ke intyatyambo ibune,ke lona ilizwi loThixo wethu lohlala lihleli.’ ”

9. Phakama unyukele entabeni, wena Ziyon,sigidimi seendaba ezimnandi.Danduluka umemeze, wena Jerusalem,mvakalisi weendaba ezimnandi.Sukoyika, danduluka umemeze.Yithi kwiidolophu zelakwaJuda:“Nanko ke uThixo wenu.”

10. Kaloku iNkosi uNdikhoyo iza ngokomelela;iya kutsho ngolawulo olungqongqo.Kananjalo iphethe neziqhamo zomsebenzi wayo;ewe, ihamba nebuyambo lemigudu yayo.

11. Yona njengomalusi iyawulondoloza umhlambi;amatakane iwaqokelela iwafunqule,ke zona ezanyisayo izithundeze.

12. Ngubani okhe alinganise amanzi ngethende lesandla,okanye olinganisa isibhakabhaka ngesandla?Mlinganiselo mni ongavalela uthuli lomhlaba,isisiphi isikali sokulinganisa iinduli neentaba?

13. Ngubani ongaze amazi ncam uNdikhoyo,ingubani khona omcebisayo?

14. Kakade uThixo lo ubhenela kubani,ingubani ongamfundisa okusesikweni?Ngubani ke omphokozela ulwazi,aze ambonise indlela yobulumko?

15. Ngenene izizwe zifana nethontsi lamanzi ethungeni,nqwa nothuli azivakali nasesikalini;neziqithi ngokukwanjalo.

16. Amahlathi aseLebhanon akawanele umlilo,neenyamakazi zakhona azilanele idini elitshiswayo.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 40