Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 40:26-31 Ibhayibhile (XHO96)

26. Khawujonge phezulu esibhakabhakeni;zidalwe ngubani ezi zinto?Lo uzikhokela njengomkhosi iinkwenkweziyena uyalazi nenani lazo.Uzibiza ngamagama zonke ngazinye;ewe, akanganganto amandla akhe,ngoko akunakulahleka nob' ibe nye.

27. Ngani ke, Yakobi, ukuba ukhalaze,nditsho wena, Sirayeli, ukuba uthi:“UNdikhoyo akabuqondi ubume bam;uThixo wam akandazeleleli nganto”?

28. Kanti ngaba awazi na?Ngaba zange uve na?UNdikhoyo nguThixo onguSonini-nanini;yena ngumdali wehlabathi jikelele.Yena soze adinwe atyhafe,nengqiqo yakhe ayiphengululeki.

29. Yena ngumhlaziyi wâbo batyhafileyo,umomelezi wâbo bangenamandla.

30. Kanti ke nolutsha luyadinwa lutyhafe,abafana bakhubeke bawe,

31. kambe ke bona abakholosa ngoNdikhoyobosuka bahlaziyeke bomelele.Bosuka bantinge baxel' ukhozi;noba sebebaleka, soze badinwe;ewe, baya kuhamba bangaze batyhafe.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 40