Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 40:21-27 Ibhayibhile (XHO96)

21. Ngaba anazi na?Ngaba zange nive na?Zange nixelelwe na kwamandulo?Anikuqaphelanga ukusekwa kwehlabathi?

22. Kaloku ladalwa ngulo ungqendeve esihlalweniemajukujukwini ngaphaya kwesibhakabhaka;kuye uluntu olu lunjengentothoviyane.Ngumtwabululi-sibhakabhaka njengomkhusane,asaneke njengentente yokuhlala.

23. Iinkosi uzitsho zigqush' eluthulini,izithwala-ndwe azivuthulule zingabi nto yanto.

24. Zithi zingekatyalwa nokutyalwa,ewe, zingekamili nokumila oku,suka azibhudle ngomoya zibune,isaqhwithi simke nazo njengomququ.

25. “Ngubani ke eningandilinganisa naye,ingubani endingade ndifane naye?”Uyabuza uThixo onguYedwa.

26. Khawujonge phezulu esibhakabhakeni;zidalwe ngubani ezi zinto?Lo uzikhokela njengomkhosi iinkwenkweziyena uyalazi nenani lazo.Uzibiza ngamagama zonke ngazinye;ewe, akanganganto amandla akhe,ngoko akunakulahleka nob' ibe nye.

27. Ngani ke, Yakobi, ukuba ukhalaze,nditsho wena, Sirayeli, ukuba uthi:“UNdikhoyo akabuqondi ubume bam;uThixo wam akandazeleleli nganto”?

funda isahluko epheleleyo Uisaya 40