Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 33:1-16 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kunyembelekile kuwe, mtshabalalisi;wena ungatshatyalaliswanga!Yeha ke, wena tshijolondini;ke wena siqu awuqhathwa mntu!Uya kuze upheze ukutshabalalisa,ibe nguwe otshatyalaliswayo.Boze bupheze ubuqhophololo bakho,nawe ke ube lixhoba lokuqhathwa.

2. *Ndikhoyo, khawube nenceba kuthi;asisakulangazeleli ngako!Ntsasa zonke yiba ngamandla ethu;sihlangule sakungena enkathazweni.

3. Lakuzongoma izwi lakho batsho basabe;wakuphakama ziyasarhaka izizwe.

4. Izizwe zojika zibe ngamaxhoba,zixhatshazwe ngathi zingenelwe ziinkumbi.

5. Mkhulu kambe uNdikhoyo,yena umi kweliphezulu!IJerusalem woyizalisa ngolungelelwano nobulungisa.

6. Maxa onke uya kuba sisiseko esingahexiyo,isisele sosindiso, ubulumko, nolwazi.Umthombo wale ndyebo kukuhlonela uNdikhoyo.

7. Nango amagorha abo ezibika;oonozaku-zaku abaphath' uxolo nâbo besitsho ngesikrakra.

8. Ngoku koohola sekuthe bhe;abahambi abavakali ndawo konke.Izivumelwano ziyakrotyozwa;ke izixeko zideliwe,akusekho mntu uhlonitshwayo.

9. Umhlaba ulele, ngamafusi nje,amahlathi aseLebhanon atshazile;ngoku iSharon ifana nentili yasentlango,imithi ibunile eBhashan naseKarmele.

10. *UNdikhoyo uthi:“Ngoku ke ndosuka ndiphakame;niza kububona ubungangamsha bam;ewe kaloku, ndiza kuzimaseka.

11. Nikhawul' umququ, nizal' inkintshi-nkintshi;kaloku nizitshabalalisa kwangokwenu.

12. Izizwe ziya kutshiswa okwamatye ekalika;ziya kufakwa umlilo okwezihlahla zameva.

13. Nina bantu bakude, phulaphulani;ewe, yiveni into endiyenzileyo;nina bakufuphi, wavumeni amandla am.”

14. Aboni baseZiyon bayagubha liphaphu,abangakhathalele Thixo bayangcangcazela.“Ngubani ke kuthi ongamelana nomlilo olenyayo?Ngubani onganyamezela umlilo ongacimekiyo?”

15. Ngondlela zithe ngqo nothetha kakuhle,nongafuni kungenelwa ngengcinezelo,noyingcathu ongazamkeliyo izicengo,ongahambisaniyo nabafutha amayelenqe,umntu ongafunaniyo nezinto ezimbi.

16. Onjalo ke uza noloyiso;ukhuseleke ngathi usemqolombeniapho ukutya namanzi kuhlala kuhleli.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 33