Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 31:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kunyembelekile kwabo babhenela kuncedo lweJiputa;nditsho abo bathembela kumahashe,abo bakholosa ngeenqwelo eziyinyambalala,nabaqamele ngobukroti bamajoni,nditsho amajoni amahashe,abantu abangamjongele nto uYedwa kaSirayeli,nditsho abangasifuniyo isiluleko *sikaNdikhoyo.

2. Ukanti yena sisilumko, angasivulela nesithwakumbe;ewe, elakhe ilizwi alidliwa nja!Koko wosuka ayivukele indlu yezikhohlakali,abohlwaye abancedisana nabenzi bobubi.

3. La maJiputandin' asiThixo, koko ngabantu,namahashe awo asimhlola, koko zizilwanyana.UNdikhoyo wothi angaphakama ibe ziziqwenga,ke yena umncedisi atsho akhubeke,aze ke yena umncedwa awe bhaxa,bonke bavuthuluke batshabalale.

4. UNdikhoyo uthethe nam wenjenje:“Abelusi bangafanelana beqobisa ngemikhwazo,kodwa ngunotshe ukuba bayothuse ingonyama,ingakumbi xa seyilibambile ixhoba layo.Ngokunjalo nam ke akukho bani unokundinqandaekuyikhuseleni kwam intaba iZiyon,mna Ndikhoyo uSomandla.

5. Njengentaka ikhusela amathole ayo,nam, mna Ndikhoyo onguSomandla-onke,ndiya kwenjenjalo ukuyihlanganisela iJerusalem.Ewe, ndoyikhusela ndiyikhulule;ndogqitha kuyo ndiyisindise.”

funda isahluko epheleleyo Uisaya 31