Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 30:14-26 Ibhayibhile (XHO96)

14. Losuka lupharhake ngathi yingqayi entlekeke yaba ziingcebaezingenakukha malahle eziko namanzi equleni.”

15. Utsho uMhlekazi uNdikhoyo, nditsho uYedwa kaSirayeli, uthi:“Nosinda ngenguquko nokuzinikezela kum;amandla enu kukuzola nokuthembela kum.Phi ke, nisala nje!

16. Ndaweni yaloo nto nithi:‘Sosuka sisabe ngamahashe.’Ewe, kungaba njalo.Nithi: ‘Amahashe ethu angaphala gqitha.’Ewe, amahashe enu angaphala nakangakokodwa nofunyanwa ngabanisukelayo.

17. Iwaka losukeliswa lijoni elinye;xa ninonke niya kugxothwa ngamajoni amahlanu qha,nibaleke nisabe nibe njengendwe emi yodwa entabeni phaya,nayo ke iyeyentlaba-mkhosi.”

18. Kambe ke uNdikhoyo usanilindele,usazungula ukunibabala ngesisa.Kaloku yena nguThixo ongajika-jikiyo;hayi ithamsanqa labo bakholosa ngaye!

19. Ewe, nina bemi baseJerusalem, anisayi kuphinda nilile. Kaloku *uNdikhoyo unenceba; ngoko ke nothi nakuzibika kuye asabele.

20. Nangona uMhlekazi eya kuniyekela ngamaxesha enkxwaleko, kodwa nguye ngokwakhe oya kunithundeza; niya kumqonda lowo uya kunifundisa.

21. Niya kuthi nakuphambuka abe selekhona; nimve esithi: “Yizani, nants' indlela.”

22. Ke yona loo *mifanekiso yenu niyinqulayo ityatyekwe ngesiliva, naleyo ityatyekwe ngegolide, iya *kugqwaliseka oku kwesishuba somfazi, niyithathe niyilahle kude, niyichile nithi: “EMbo-o-o!”

23. Ngexesha lokulima uNdikhoyo uya kuyivulela imvula, iphume imbewu eniyityalileyo, nezityalo zikhule zitsho ngesingayiwayo isivuno. Ngelo thuba ke neenkomo zenu ziya kudla kumadlelo abanzi ayokozelayo.

24. Ke zona iinkabi needonki enilima ngazo ziya kondliwa ngomxube wezidlo zodidi.

25. Kogqabhuka imithombo yamanzi ezintabeni nasezindulini ngaloo mini inkulu yokuhlaselwa nokuwa kweenqaba zeentshaba zenu, nazo ngokwazo zibulawe.

26. Inyanga yoqaqamba njengelanga, ke lona ilanga liqaqambe ngokuphindwe kasixhenxe, kube ngathi kubandakanywa ukukhanya kweentsuku ezisixhenxe ndawonye. Koba njalo ke mhla uNdikhoyo wawabopha amanxeba awenze kubantu bakhe, azihlambe neenduma zabo.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 30