Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 3:17-26 Ibhayibhile (XHO96)

17. Ewe, ndiza kubagugula iinwele,ndibarhawule ngesikhakh' entloko,batsho ngaloo mabunzi achengezelayo.”

18. Ewe, uyeza umhla apho iNkosi iya kubohlutha konke abazidla ngako abafazi baseJerusalem – nditsho loo miliza bayinxibayo, naloo malaphu bawathwalayo, amaso ngokunjalo,

19. neebhengile namacici. Iya kuzisusa izigqubuthelo zabo,

20. iminqwazi, izacholo zamaqatha, imitya ehonjisiweyo esinqeni, amaso anesiqholo, kunye namakhubalo.

21. Iya kuyohlutha naloo misesane bayifaka eminweni nasezimpumlweni,

22. nditsho zonke iingubo, imiwundu-wundu neelokhwe, ngokunjalo nezipaji,

23. nezipili. Iya kuthatha nezo lokhwe zabo zicikiziweyo, iitshefu zelinen nezikhafu, naloo malaphu bagquma iintloko ngawo.

24. Mh-mh-mh, kuthi khaphu!Kaloku abasaziqholi!Ngoku abasenabhanti; babhinqa ngeentsontela.Neenwele zigugulwe; asiyonkqayi; yehaa!Abasenalokhwe ngoku, bayadlakazela.Ubunzwakazi babo sebukukuhlazeka.

25. Okwakungamadoda esixekweni apho,nditsho namagorha la embala,akayi kubuya emfazweni.

26. Ewe, namasango esixeko ngokwawo osuka ahlahlambe agixe,nesixeko ngokwaso sofana nomfazi othe bhaxa phantsi ngengub' esele.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 3