Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 29:7-20 Ibhayibhile (XHO96)

7. Yonke imikhosi yezizwe ezihlaselayo,ezihlasela iAriyeli,izixhobo nezikrweqe zazo konke nje,koba njengephupha,njengombono wasebusuku.

8. Kofana nomfo olambileyo ephupha,engathi uyatya, kodw' akuvuk' usalambile;okanye umntu othe khothe lunxano,ophuph' esela, phof' avuke esanxaniwe.Koba njalo ke ukuphoxeka kwemikhosi yezizweleyo ihlasela intaba yeZiyon.

9. Zithwangeni nitsho nibe zizityhakala;zimfamekiseni ke, nitsho nimfameke;nxilani, noba anikhange nibufake;gxadazelani, ningaselanga tywala.

10. *UNdikhoyo unitsho nangamayosi-yosi;unitsho nayeketheka bubuthongo.Kaloku amehlo enu avalekile,neentloko zenu zincithekile;ewe, abashumayeli benu ababoni, abaqiqi.

11. Intsingiselo yemibono iya kufihlakala kuni, ifane nencwadi ecikiweyo. Niya kuthi nakuyisa kwabo baziyo, nisithi: “Khanisifundele,” bathi: “Asinako, kuba itywiniwe.”

12. Nothi ke nakuyinika umntu ongafundanga ukuba anifundele, aphendule athi: “Andikwazi ukufunda.”

13. Suka ke iNkosi yathi:“Aba bantu basondela kum ngomlomo,bandihlonela ngalo umpaku-mpaku;iintliziyo zabo zona zikude lee,inkolo yabo imi ngeziqhelo kuphela.

14. Ngoko ke mna ndosuka ndiphinde ndibancithe ngesishiqi phezu kwesithwakumbe,nobulumko beengqondi butsho buthi shwaka,nobungcaphephe bamaqili butsho bunyamalale.”

15. Asazi ke kwabo bazifihlayo –kunyembelekile kwabafihlela *uNdikhoyo iinjongo zabo,kwabo benza izinto ebumnyameni,besithi: “Ngubani oya kusibona? Ngubani oya kusazi?”

16. Iinto zonke bona bayazibhukuqa:kukho udongwe nombumbi – yiyiphi eyona-yona?Into ebunjiweyo ingamsola na umbumbi isithi: “Andenziwanga nguye”?Udongwe lungatsho na kumxonkxi ukuthi: “Awunangqiqo”?

17. Kaloku kukho isimbo esithi:“Amahlathi aseLebhanon ojika abe ngumyezo weziqhamo,ke wona umyezo ube ngamahlathi.”

18. Ngaloo mini ke nesithulu siya kuva;siya kuweva amazwi afundwa encwadini.Nemfama ehlala esithokothokweni sobumnyamaovuleka amehlo ayo, itsho ibone.

19. Nabo bangazelwe nto uNdikhoyo uya kubavuselela ngolonwabo;abahlelelekileyo boba nemihlali ngoYedwa kaSirayeli.

20. Eso soba sisiphelo seendlobongela,batsho banqamke abamgxekayo uThixo,nabaququzeleli bobubi batsho baphele.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 29