Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 17:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Nalu udaba olundilisekileyo olumayela neDamasko:“Ke yona iDamasko ayisayi kuba sisixeko,yosuka ibe ziingqumba zamabhodlo.

2. Izixeko zaseArohere zosala zize;kuphela zosala zilidlelo lempahla,futhi kungekho namntu uyiphazamisayo.

3. KwaSirayeli zophela izixeko ezinqatyisiweyo,ke bona ubukumkani baseDamaskongokunjalo namasalela aseSiriyaoba yinto yezolo, ngathi ludumo lwamaSirayeli,”utsho *uNdikhoyo uSomandla-onke.

4. “Ngaloo mihla ubungangamsha bukaYakobi buya kuphutha,ukutyeba kwakhe kutsho kutsame.

5. USirayeli woba ngathi yintsimi engqolowa isikwayo;kwaSirayeli kuya kubharha kube sedizeni –wofana namasimi entili yaseRefayim.

6. Kambe aya kuba khona amasalela.Kuya kuba ngathi ngumnquma obhululweyokwasala mabini mathathu phezulu,mhlawumbi isine nesihlanu kwahlanzayo,”utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli.

7. Ngaloo mihla ke abantu baya kubhenela kuMdali wabo,bakhangele kulowo unguYedwa kaSirayeli.

8. Abayi kuba saqamela ngamaqonga lawo bawakhe ngezandla zabo,bengayi kuba sathembela kowabo umsebenzi –imiqondiso yesithixokazi uAsherakunye namaqonga okuqhumisa.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 17