Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 14:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke *uNdikhoyo woba nemfobe ngoYakobi, abuye azichongele uSirayeli. Uya kumbuyisela kumhlaba wakhe, neentlanga ke zosuka zithontelane khona, zizibandakanye nendlu kaYakobi.

2. Izizwe ziya kuwagodusa amaSirayeli, ziwabuyisele kwilizwe awalinikwa nguNdikhoyo; zona zoba zizicaka zamaSirayeli. Abathimbi bamaSirayeli bojika babe ngabathinjwa bawo, wona amaSirayeli alawule abo babefudula bewacinezela.

3. Mhla *uNdikhoyo wanipha umtyhi kwintlungu nehambo-nzima, nakumzabalazo wokusebenza nzima,

4. niya kuhlabela elempoxo ngokumkani waseBhabheli, nithi:Yaz'ba utshitshe njani na lo mcinezeli!Ewe, akukho nkang' idubul' ingethi.

5. UNdikhoyo uyivikivile intonga yezikhohlakali;yena uwaphule umsimbithi wezilawuli.

6. Nditsho lo ubuntlekez' abantu ngolunyakazi,obusitsho ngezithong' ezingaphelele ndawo,obutyakaty' izizwe ngengcwangu nengqumbo,owatsho ngentshutshiso engenabuyambo.

7. Ngok' ihlabathi lixhaml' ikhefu ngenzolo,suka ladanduluka ngeengoma nezibongo.

8. Kuvuya nditsho nemithi eLebhanon phaya;ewe, imipayini nemisedare iyakugcolodela.Ithi: “Tshotsh' uwe, kumkanindini,”kuba kaloku nomgawuli utsho wasweleka.

9. Ewe, nelabafileyo litsho lazama-zama,lilungiselela ukuhlangabeza wena.Noomoya babangasekhoyo baza kukukhahlela,nditsho abo babefudula beziikumkani zezizwekungokunje nabo bayavusw' ezililini.

10. Bonke bobhekisa kuwe, bathi:“Ingaba nguwe na lo selelutywantsi?Ingaba nguwe na lo ofana nathi?”

11. Ubunewu-newu bakho namhla bugqunyelelwe,ngokunjalo nengoma yezigingci ingcwatyiwe.Ngoku umandlalo wakho ziimpethu;kukalokunje ingubo yakho seyingamanundu.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 14