Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 1:20-31 Ibhayibhile (XHO96)

20. Kambe ke xa ningafuni, nindivukela,niza kusuka nibe lixhoba lekrele.Nditshilo nje ke mna Ndikhoyo, nditshilo!”

21. Ewe, kambe, sixekondini!Kade uyinzwakazi ngesimo,kodwa xa kunamhlanje-nje, ungumadod' onke.Wawufudul' uphuphuma lucwangco;ngenene wawulikhaya lamalungisa;ke namhlanje ulikhaya lezikrelemnqa.

22. Kaloku wawukade ucwenge njengesiliva,kodwa ngoku sewuphuthile.Wawufana newayini eyondeleleneyo,kambe namhlanje sewungumngxengwa.

23. Iziphathamandla zakho zizibhoja,abafo abalala ngangubo-nye namatutu.Bathwangekile kukufun' izipho nezicengo;abaziinkedama abanaxesha labo,kanti nabahlolokazi abazidubi ngabo.

24. Ngoko ke nanku umlomo *kaNdikhoyo –nditsho uNdikhoyo uSomandla-onke,iNgangalala kaSirayeli – uthi:“Ngoku ndiza kukhe ndiphuncule kwiintshaba zam;ewe kaloku, ndiza kuziphindezela.

25. Ngoku ndiza kuthatha amanyathelo aqatha:ndiza kunikhama ndinicwenge oku kwesinyithi;ndiza kubukhupha buphele tu ububi kuni.

26. Kaloku ndiya kunibuyisela abalawuli njengantlandlolo,ndinimisele izithwala-ndwe njengamandulo.Kuya kwandula ke kuthiwe ungunobulungisa,ngenene ube ngunontembeko.”

27. IJerusalem iya kuhlangulwa bubulungisa bukaThixo.Baya kusinda ke bonke abaguqukayo.

28. Kambe ke baya kutshabalalabonke abavukeli-mbuso nabanxaxhayo;ewe, uNdikhoyo uya kubabhubhisa bonke abakreqi.

29. Ngoko ke nosuka nibe manyonywanangenxa yale mithi yemioki niyinqulayo,ngokunjalo nayiloo miyezo yamanyundululu.

30. Kaloku niya kufana nemioki etshazileyo;niya kuba matwa negadi engankcenkceshelwayo.

31. Njengoko nengca itshiswa nayintlantsi le,nawo ke amagorha aya kutshabalala.Ewe, aya kubhujiswa yimisebenzi yawo,ibe ke akukho uya kulamla.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 1