Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 34:10-12 Ibhayibhile (XHO96)

10. KwaSirayeli ke akuphindanga kuvele *mshumayeli unjengoMosis, owazana noNdikhoyo ubuso ngobuso.

11. Akukho mshumayeli wumbi wakha wenza imiqondiso nemimangaliso enjengaleyo uMosis wayethunywa nguNdikhoyo ukuba ayenze kwelaseJiputa kukumkani wakhona namaphakathi akhe,

12. kungekho namshumayeli wakha wabonakalisa imisebenzi yamandla ngendlela erhwaqelisa njengaleyo wasebenza ngayo uMosis phakathi kwamaSirayeli jikelele.

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 34