Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 32:7-19 Ibhayibhile (XHO96)

7. Khanibuzise niqonde ngezamandulo;khaniphande nive ngezizukulwana ezadlulayo.Amanyange wona aya kunibalisela;amadod' amakhulu aya kunichubela.

8. Xenikweni uPhezukonke wazabela ilifa izizwe;yena wabahlula-hlula oonyana babantu,waza izizwe wazimisela imida yazongokobungakanani boonyana bakaSirayeli.

9. Ke yona inxaxheba kaNdikhoyo luhlanga lwakhe.Ewe, uYakobi sisabelo sakhe.

10. Wambhaqa kwimpengempenge yentlango,kwinkangala egxwala amarhamncwa,waza wamchola, wampelesa,wamkhusel' okokhozo lweliso lakhe,

11. njengokhozi lukhusela amantshontsho alo,lundanda luwathwale ngaloo maphiko alo,xa luwakhupha endlwini yalo.

12. Ewe, uNdikhoyo wamkhokela yedwakungekho *thixo ungomnye umncedisayo.

13. Wamqabelisa imimango enyukayo,wayixhamla imveliso yelizwe;watya ubusi emaweni,waza umnquma wavelisa elulwalweni.

14. Iimazi zeenkomo nezeebhokhwe yayiziintsengwanekazi;oozinkomo, zibhokhwe, neegusha yayingamateke-teke,nditsho oku kweenkomo zaseBhashan.Ingqolowa ingachum' iliphupha;asisathethi ke ngediliya naloo wayini ingayiwayo.

15. Kambe ke uYeshurun suka wahlutha wada wakhabalaza;ewe, wakhula wakhukhumala wada waxhathisa.Waza ke wamfulathela uThixo adalwe nguye,wayibukula eyona Ngxondorha imsindisayo.

16. Wamkhweletisa ngokunqula izithixo;wamxhokonxa ngemikhwa emanyumnyezi.

17. Suka waxhelel' iindimoni ezingengoThixo;izithixo awayengazazi ngaphambili,izinto ezingazange zinqulwe nangamanyange.

18. Akayikhathalelanga eyona Ngxondorha aphuma kuyo;suka wamlibala uThixo azelwe nguye.

19. Waza ke yena uNdikhoyo wakruquka,exhokonkxwa ngoonyana neentombi zakhe nje.

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 32