Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 32:48-52 Ibhayibhile (XHO96)

48. Kwangaloo mini uNdikhoyo wathetha noMosis, wathi:

49. “Yiya kwiintaba zeAbharim kwelaseMowabhi malunga neJeriko. Nyuka intaba iNebho, ulibheke elo lizwe laseKanana ndiza kuwangenisa kulo amaSirayeli.

50. Wena ke uya kufela apho entabeni njengomkhuluwa wakho uAron owafela kwintaba iHori.

51. Kaloku nina nobabini naningathembekanga kum phakathi kwamaSirayeli. Ewe, ngokuya naniseMeribha ngakwidolophu iKadeshe kwintlango iZin nasithoba isidima sam phambi kwamaSirayeli.

52. Ke wena elo lizwe uya kulibuka ukude; soze uye kungena kwelo lizwe ndilinika amaSirayeli.”

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 32