Kaloku nina nobabini naningathembekanga kum phakathi kwamaSirayeli. Ewe, ngokuya naniseMeribha ngakwidolophu iKadeshe kwintlango iZin nasithoba isidima sam phambi kwamaSirayeli.