25. Ezindleleni ikrele lishiy' izigede,nasemagumbini bankwantye barhwaqele.Abafana neentombi itshoba lilal' umbethe;iintsana neengwevu nazo zithi dwe.
26. Ngendibatshabalalise kwathi tu,ababi sakhunjulwa naluluntu,
27. nto nje kuthi qath' iintshaba zabo,hleze zigcolode zide zizincome,zithi namhla zibuye noloyiso,ukanti ikwandim obathe vithe-vithe.”
28. Kwezo ntshaba umqondo tu;kwabo bantu ingqondo ti!
29. Ukuba nje bebelumkile ngebeyazi le nto,beliqonda nekamva labo.
30. Iwaka lingaze loyiswe ngumntu omnye;ishumi lamawaka libalek' ababini,ukanti abaphoxwanga yiNgxondorha yabo,mhlawumbi bayekelwe nguNdikhoyo?
31. Ingxondorha yezinye izizwe ayifani neyethu,nkqu neentshaba zethu ziyayiqonda loo nto.
32. Kuba isidiliya sazo sesaseSodom;ngumdiliya wamasimi aseGomora.Idiliya yazo inetyhefu,izikhinkci zayo ziyakrakra.
33. Eyazo iwayini bubuhlungu benyoka;ngengcwangu nqwa nobuhlungu bephimpi.
34. “Kambe ke isiphelo sazo ndisasibambile;ndisasivalele koovimba bam.
35. Ke yona impindezelo nokubuyekeza kokwam;ngokuhamba kwexesha zode zityibilike.Imini yazo isemnyango;izingqi zentshabalalo ziza zikhawulezile.”
36. Kaloku uNdikhoyo wobavelela abantu bakhe,avelane nazo izicaka zakhe,akuba eqonda ukuba baphelelwe,kungasekho mahluko phakathi kwenkosi nesicaka.
37. Wosuka ke athi: “Baphi ke abo thixo benu?Iye ngaphi kaloku ingxondorha yenu?
38. Abo batye amanqatha amadini enu,baza basela neminikelo yewayini,mabeze kuninceda kaloku;mabavele kaloku, banikhusele.
39. “Niyabona ke, ndim, ewe ndim ndedwa uThixo;akukho thixo wumbi ngaphandle kwam.Ndiyabulala, ndidlisa ubomi;ndiyenzakalisa, ndiyanyanga futhi;tu ohlangulayo esandleni sam.