Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 3:2-20 Ibhayibhile (XHO96)

2. *UNdikhoyo ke wathi kum: ‘Musani ukumoyika; ndimnikele ezandleni zenu, ndawonye nomkhosi wakhe, nawo wonke umhlaba wakhe. Nakuye yenzani kwangaloo ndlela nenza ngayo kuSihon ukumkani wama-Amori eHeshbhon.’

3. “Ngoko ke uNdikhoyo wamnikezela kuthi nokumkani uOgi waseBhashan, saza samxabela ndawonye nabantu bakhe, akwasala namnye.

4. Ngokunjalo ke sazihlasela sazithatha zonke iidolophu zakhe, asashiya noba ibe nye. Xa zizonke yaba ziidolophu ezimashumi mathandathu yonke loo ngingqi yaseAgobhi, eyayiphantsi ko-Ogi ukumkani waseBhashan.

5. Zonke ke ezo dolophu zazinqatyisiwe zibiyelwe ngeendonga, zinamasango omelezwe ngemivalo yentsimbi; phofu zazikho needolophu ezazingabiyelwanga.

6. Zonke ke sazitshabalalisa, sabulala ndoda, mfazi, namntwana wembala, kanye kwangalaa ndlela senza ngayo kwiidolophu zikakumkani uSihon waseHeshbhon.

7. Sazithimbela iinkomo namanye amaxhoba apho ezidolophini.

8. “Ngelo thuba ke sawuthatha wonke umhlaba wezo kumkani zimbini zama-Amori, ngasempuma yomlambo iJordan, ukusuka kumlambo iAnoni ukuya kwintaba iHermon.

9. Ke intaba iHermon yayibizwa ngokuba yiSiriyon ngamaSidon, ama-Amori wona esithi yiSenire.

10. Sawuthatha wonke ummandla kakumkani uOgi waseBhashan: ezo dolophu zikuloo mathafa, ummandla waseGiliyadi naseBhashan, sada saya kutsho empuma kwiidolophu zaseSaleka nase-Edreyi.

11. “Ukumkani uOgi waba ngowokugqibela kumaRafa. Wayelala ebhedini yentsimbi. Yayiziimitha ezine ubude, zikwisithuba sesibini ububanzi. Nangoku ke isekhona kwidolophu yama-Amon iRabha.”

12. “Ukuwuthatha kwethu umhlaba osempumalanga yeJordan, amaRubhen namaGadi ndawanika ummandla ongasentla kweArure ngakumlambo iAnoni, nenxalenye yeleentaba zaseGiliyadi, ngokunjalo needolophu zakhona.

13. Ke sona isiqingatha samaManase ndasinika loo mhlaba useleyo waseGiliyadi, ngokunjalo neBhashan iphela apho kwakulawula uOgi. Yonke loo ngingqi yaseAgobhi kwelaseBhashan yayisaziwa ngokuba ngumhlaba wamaRafa.

14. UJayire wendlu kaManase wawuthatha wonke loo mmandla waseAgobhi, iBhashan, ukuya kutsho kwimimandla yaseGeshuri naseMahaka. Ezo dolophu ke wazithiya ngaye; nangoku ke kusathiwa zezikaJayire.

15. Ke yona iGiliyadi ndayinika imizi kaMakire wendlu kaManase.

16. AmaRubhen namaGadi ndawabela ummandla waseGiliyadi ukuya kumlambo iAnoni. Umbindi waloo ntili yangumda ongezantsi; umda ongasentla wona yangumlambo iJabhoko onxalenye yawo yayingumda wama-Amon.

17. Ngasentshonalanga umda wabo wawuye kuthi xhaxhe ngomlambo iJordan; ngasentla usuka kuLwandle lwaseGalili uye kuthi gaa ngoLwandle oluFileyo ngezantsi, uze uye kuthi rhece kumalengalenga entaba iPisga empumalanga.

18. “Kananjalo ngelo thuba ndaniyalela, ndathi: ‘UNdikhoyo uThixo wenu uninikile loo mhlaba usempumalanga yomlambo iJordan ukuba nime kuwo. Ke wona umkhosi wenu wuxhobiseni, niwuthumele uwele iJordan, wandulele amawawo.

19. Abafazi nabantwana, ngokunjalo nomhlambikazi weenkomo zenu, mabasale apha kwezi dolophu ndinabele zona.

20. Wancedeni amawenu nawo ade azinze kuloo mhlaba awuphiwe nguNdikhoyo kwintshonalanga yomlambo iJordan, njengoko selenzile nakuni. Emva koko ke noba nako ukubuyela apha kulo mhlaba usisabelo senu.’

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 3