“Ndaza ke ndathetha noYoshuwa, ndathi: ‘Sowuyibonile ke into eyênziwa nguNdikhoyo uThixo wethu kookumkani ababini, uSihon no-Ogi. Úsaza kwenza kwaloo nto ke nakubo bonke ookumkani obahlaselayo kwelo lizwe ùya kulo.