Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 3:13-21 Ibhayibhile (XHO96)

13. Ke sona isiqingatha samaManase ndasinika loo mhlaba useleyo waseGiliyadi, ngokunjalo neBhashan iphela apho kwakulawula uOgi. Yonke loo ngingqi yaseAgobhi kwelaseBhashan yayisaziwa ngokuba ngumhlaba wamaRafa.

14. UJayire wendlu kaManase wawuthatha wonke loo mmandla waseAgobhi, iBhashan, ukuya kutsho kwimimandla yaseGeshuri naseMahaka. Ezo dolophu ke wazithiya ngaye; nangoku ke kusathiwa zezikaJayire.

15. Ke yona iGiliyadi ndayinika imizi kaMakire wendlu kaManase.

16. AmaRubhen namaGadi ndawabela ummandla waseGiliyadi ukuya kumlambo iAnoni. Umbindi waloo ntili yangumda ongezantsi; umda ongasentla wona yangumlambo iJabhoko onxalenye yawo yayingumda wama-Amon.

17. Ngasentshonalanga umda wabo wawuye kuthi xhaxhe ngomlambo iJordan; ngasentla usuka kuLwandle lwaseGalili uye kuthi gaa ngoLwandle oluFileyo ngezantsi, uze uye kuthi rhece kumalengalenga entaba iPisga empumalanga.

18. “Kananjalo ngelo thuba ndaniyalela, ndathi: ‘UNdikhoyo uThixo wenu uninikile loo mhlaba usempumalanga yomlambo iJordan ukuba nime kuwo. Ke wona umkhosi wenu wuxhobiseni, niwuthumele uwele iJordan, wandulele amawawo.

19. Abafazi nabantwana, ngokunjalo nomhlambikazi weenkomo zenu, mabasale apha kwezi dolophu ndinabele zona.

20. Wancedeni amawenu nawo ade azinze kuloo mhlaba awuphiwe nguNdikhoyo kwintshonalanga yomlambo iJordan, njengoko selenzile nakuni. Emva koko ke noba nako ukubuyela apha kulo mhlaba usisabelo senu.’

21. “Ndaza ke ndathetha noYoshuwa, ndathi: ‘Sowuyibonile ke into eyênziwa nguNdikhoyo uThixo wethu kookumkani ababini, uSihon no-Ogi. Úsaza kwenza kwaloo nto ke nakubo bonke ookumkani obahlaselayo kwelo lizwe ùya kulo.

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 3