Kwanomfazi ozitshoyo, intokazi esisigcodololo esichula ukunyathela, naye uya kuziphatha kwangolo hlobo. Luya kuthi lwakuningqinga utshaba acikidwe liphango, aphalale kangangokuba ade atye nosana agqib' ukulizala, ngokunjalo nomkhaya lowo, yonke ke le nto eyiba. Ewe, uya kude avimbe nendoda le yakhe yebhongo; asisathethi ke ngabantwana bakhe.