Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 28:33-48 Ibhayibhile (XHO96)

33. Kuya kuvela uhlanga ongalwaziyo, lufike luvune izilimo zakho obulalekileyo ngazo, ke wena into oya kuyizuza yingcinezelo nentshutshiso engaphele ndawo.

34. Ububi obubonayo buya kukubetha utsho ube ligeza.

35. UNdikhoyo uya kukubetha ngamathumba anganyangekiyo emadolweni nasemilenzeni, athi tshitshilili ukusuka entloko kuye kuthi xhaxhe ngeenyawo.

36. “Wena, ngokunjalo nokumkani ommiseleyo, uNdikhoyo uya kunithatha anise kwilizwe eningalaziyo, elingazange laziwa nangooyihlo-mkhulu. Apho ke uya kunqula *thixo bambi abenziwe ngomthi, ngokunjalo nabamatye.

37. Kwezo zizwe akusasaze kuzo uNdikhoyo abantu baya kukuthela nqa, ube yintlekisa nondaba-mlonyeni.

38. “Uya kuthi ngoku ubuhlwayele kakhulu uvune into engekhoyo. Kaloku isivuno sakho siya kunqunquthwa ziinkumbi.

39. Uya kuba ngatyala isidiliya usihlakule usilungise, ungazuzi diliya nawayini, kuba kaloku siya kungenelwa ngurhuxeshe.

40. Umnquma uya kubakho kuyo yonke indawo kwelo lizwe, kodwa wena ungabi nawo amafutha okuthambisa, kuba umnquma lowo uya kuvuthuluka.

41. Oonyana neentombi uya kuba nabo nje ngegama, kuba baya kuthinjwa.

42. Imithi yakho yeziqhamo, ngokunjalo nezilimo, ziya kunqunquthwa yinkumbi.

43. “Abangeneleli belakowenu baya kubalasela baye beqaqamba ngokuqaqamba, ke nina niye nidodobala ngokudodobala.

44. Baya kubolekisa kuwe, ube ke wena ungenanto yakubolekisa. Ekugqibeleni ke baya kuba ziinkokheli, wena ube ngumlandeli.

45. “Zonke ke ezi ziqalekiso ziya kukujikeleza zide zikufumane, zikuvuthulule uphele, ngenxa yokuba ungaliphulaphulanga ilizwi likaNdikhoyo uThixo wakho, ungayenzanga imiyalelo nemimiselo endikunike yona.

46. Ziya kuba ngumqondiso nesimanga kuwe nakwisizukulwana sakho kude kube nini-nini.

47. “Nakuba uNdikhoyo uThixo wakho wakusikelela ngeendlela zonke nje, akuvumanga ukumnqula ngokuthakazela ngexesha lentlutha.

48. Ngoko ke uya kubusa iintshaba akuthumele ngazo uNdikhoyo. Uya kucikidwa yindlala, unxano, nobuze, naziindidi ngeendidi zeentswelo. Uya kukukhama ngedyokhwe yentsimbi ude utshabalale.

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 28