Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 28:31-42 Ibhayibhile (XHO96)

31. Nenkomo yakho iya kuxhelwa ujongile, kodwa ungakhothi naphantsi kuloo nyama. Idonki yakho iya kuthinjwa ubukele, ungaze ubuye uyibone. Iigusha zakho ziya kunikelwa ezintshabeni, kungabikho namntu ungakuncedayo.

32. Oonyana neentombi zakho ziya kunikezelwa kwezinye iintlanga ujongile. Uya kutyabuk' amehlo ujong' enkalweni, ulindele ukubuya kwabantwana bakho, kungekho nto unokuyenza.

33. Kuya kuvela uhlanga ongalwaziyo, lufike luvune izilimo zakho obulalekileyo ngazo, ke wena into oya kuyizuza yingcinezelo nentshutshiso engaphele ndawo.

34. Ububi obubonayo buya kukubetha utsho ube ligeza.

35. UNdikhoyo uya kukubetha ngamathumba anganyangekiyo emadolweni nasemilenzeni, athi tshitshilili ukusuka entloko kuye kuthi xhaxhe ngeenyawo.

36. “Wena, ngokunjalo nokumkani ommiseleyo, uNdikhoyo uya kunithatha anise kwilizwe eningalaziyo, elingazange laziwa nangooyihlo-mkhulu. Apho ke uya kunqula *thixo bambi abenziwe ngomthi, ngokunjalo nabamatye.

37. Kwezo zizwe akusasaze kuzo uNdikhoyo abantu baya kukuthela nqa, ube yintlekisa nondaba-mlonyeni.

38. “Uya kuthi ngoku ubuhlwayele kakhulu uvune into engekhoyo. Kaloku isivuno sakho siya kunqunquthwa ziinkumbi.

39. Uya kuba ngatyala isidiliya usihlakule usilungise, ungazuzi diliya nawayini, kuba kaloku siya kungenelwa ngurhuxeshe.

40. Umnquma uya kubakho kuyo yonke indawo kwelo lizwe, kodwa wena ungabi nawo amafutha okuthambisa, kuba umnquma lowo uya kuvuthuluka.

41. Oonyana neentombi uya kuba nabo nje ngegama, kuba baya kuthinjwa.

42. Imithi yakho yeziqhamo, ngokunjalo nezilimo, ziya kunqunquthwa yinkumbi.

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 28