Nenkomo yakho iya kuxhelwa ujongile, kodwa ungakhothi naphantsi kuloo nyama. Idonki yakho iya kuthinjwa ubukele, ungaze ubuye uyibone. Iigusha zakho ziya kunikelwa ezintshabeni, kungabikho namntu ungakuncedayo.