Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 27:7-22 Ibhayibhile (XHO96)

7. ngokunjalo nenze namadini obudlelwana, nitye ninombulelo apho phambi koNdikhoyo uThixo wenu.

8. Kuloo matye atyatyekwe ngefutha ke ze niwabhale ngokucacileyo onke amazwi alo mthetho.”

9. UMosis ekunye nababingeleli babaLevi ke wabhekisa kumaSirayeli, wathi: “Khanindibolek' iindlebe, maSirayeli! Namhlanje nibe ngabantu bakaNdikhoyo ncakasana. Nguye iNkosi yenu.

10. Ngoko ke ze niyithobele imiyalelo nemimiselo endininika yona.”

11. Ngaloo mini uMosis wawayalela amaSirayeli, wathi:

12. “Xa seniyiwelile iJordan ezi zizwe zilandelayo ze zime kwintaba iGerizim xa kuthamsanqelwa amaSirayeli: uSimon, uLevi, uJuda, uIsakare, uJosefu, noBhenjamin.

13. Kanti ke nazi eziya kuma kwintaba iEbhali xa kuqalekiswa: uRubhen, uGadi, uAshere, uZebhulon, uDan, noNafetali.

14. “Ke bona abaLevi baya kuvakalisa la mazwi bekhwaza besithi:

15. ‘Uqalekisiwe umntu oqingqa umfanekiso ngelitye, umthi, noba sisinyithi, aze awunqule emfihlakalweni. Into enjalo lisikizi kuNdikhoyo.’“Ke bona abantu bophendula besithi: ‘Makube njalo!’

16. “ ‘Uqalekisiwe nabani na odela uyise noba ngunina.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’

17. “ ‘Uqalekisiwe nabani na oshenxisa umlimandlela wommelwane.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’

18. “ ‘Uqalekisiwe nabani na olahlekisa imfama endleleni.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’

19. “ ‘Uqalekisiwe nabani na ogqwetha inyaniso xa kuthethwa ityala labangeneleli neenkedama nabahlolokazi.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’

20. “ ‘Uqalekisiwe umntu owambatha umka-yise, kuba unyelisa uyise.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’

21. “ ‘Uqalekisiwe nabani na olala nesilwanyana.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’

22. “ ‘Uqalekisiwe umntu owambatha udade wabo, nditsho intombi kayise nokuba yekanina.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 27