kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34

Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 27 Ibhayibhile (XHO96)

Ukubhengezwa kwemiyalelo nemithetho

1. UMosis ekunye namadoda amakhulu akwaSirayeli wathi: “Ze niyithobele yonke imiyalelo endininika yona namhlanje.

2. Mhla nayiwela iJordan nangena kwelo lizwe niliphiwa *nguNdikhoyo uThixo wenu, ze nimise amatye amakhulu, niwatyabeke ngefutha,

3-4. niwabhale kuwo onke amazwi alo mthetho. Xa seniwelile nangena kwelo lizwe lobisi nobusi nalithenjiswa nguNdikhoyo uThixo wooyihlo-mkhulu, la matye ze niwamise kwintaba iEbhali, niwatyabeke ngefutha ngokwalo myalelo ndininika wona namhlanje.

5. Apho ke ze nakhele uNdikhoyo uThixo wenu iqonga lamadini ngamatye angaqingqwanga ngezixholo zentsimbi.

6. Kaloku iqonga enilakhela uNdikhoyo uThixo wenu kufuneka libe lelamatye angaqingqwanga. Kulapho ke ekufuneka ninikele ngamadini atshiswayo,

7. ngokunjalo nenze namadini obudlelwana, nitye ninombulelo apho phambi koNdikhoyo uThixo wenu.

8. Kuloo matye atyatyekwe ngefutha ke ze niwabhale ngokucacileyo onke amazwi alo mthetho.”

9. UMosis ekunye nababingeleli babaLevi ke wabhekisa kumaSirayeli, wathi: “Khanindibolek' iindlebe, maSirayeli! Namhlanje nibe ngabantu bakaNdikhoyo ncakasana. Nguye iNkosi yenu.

10. Ngoko ke ze niyithobele imiyalelo nemimiselo endininika yona.”

Isiqalekiso ngenxa yentswela-mbeko

11. Ngaloo mini uMosis wawayalela amaSirayeli, wathi:

12. “Xa seniyiwelile iJordan ezi zizwe zilandelayo ze zime kwintaba iGerizim xa kuthamsanqelwa amaSirayeli: uSimon, uLevi, uJuda, uIsakare, uJosefu, noBhenjamin.

13. Kanti ke nazi eziya kuma kwintaba iEbhali xa kuqalekiswa: uRubhen, uGadi, uAshere, uZebhulon, uDan, noNafetali.

14. “Ke bona abaLevi baya kuvakalisa la mazwi bekhwaza besithi:

15. ‘Uqalekisiwe umntu oqingqa umfanekiso ngelitye, umthi, noba sisinyithi, aze awunqule emfihlakalweni. Into enjalo lisikizi kuNdikhoyo.’“Ke bona abantu bophendula besithi: ‘Makube njalo!’

16. “ ‘Uqalekisiwe nabani na odela uyise noba ngunina.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’

17. “ ‘Uqalekisiwe nabani na oshenxisa umlimandlela wommelwane.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’

18. “ ‘Uqalekisiwe nabani na olahlekisa imfama endleleni.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’

19. “ ‘Uqalekisiwe nabani na ogqwetha inyaniso xa kuthethwa ityala labangeneleli neenkedama nabahlolokazi.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’

20. “ ‘Uqalekisiwe umntu owambatha umka-yise, kuba unyelisa uyise.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’

21. “ ‘Uqalekisiwe nabani na olala nesilwanyana.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’

22. “ ‘Uqalekisiwe umntu owambatha udade wabo, nditsho intombi kayise nokuba yekanina.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’

23. “ ‘Uqalekisiwe umntu owambatha umkhwekazi.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’

24. “ ‘Uqalekisiwe umntu ogebenga umwabo engabonwa.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’

25. “ ‘Uqalekisiwe umntu othengwayo khon' ukuze agebenge abamsulwa.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’

26. “ ‘Uqalekisiwe nabani na ongazithobeliyo aziphumeze iimfundiso zalo mthetho.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’ ”