Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 26:10-19 Ibhayibhile (XHO96)

10. Ngoko ke ngoku, Ndikhoyo, ndikuphathele olu libo lwesivuno somhlaba ondiphe wona.’“Wakuba utshilo ke, ibhaskiti leyo uya kuyibeka phantsi apho phambi koNdikhoyo uThixo wakho, umnqule.

11. Ewe, vuya, ube nemincili ngenxa yendyebo wena nendlu yakho akunike yona uNdikhoyo uThixo wakho. NabaLevi kunye nabangeneleli abahlala apho phakathi kwenu mababe nenxaxheba apho kulo msitho.

12. “Njalo kunyaka wesithathu, ongunyaka wezishumi, khupha isishumi sesivuno sakho, usinike abaLevi, nabangeneleli, neenkedama, nabahlolokazi, khon' ukuze bathi xa bebonke, kuzo zonke izixeko, batye banele. Wakuba wenjenjalo ke

13. thetha noNdikhoyo uThixo wakho, uthi: ‘Ngoku ke ndiyikhuphile inxaxheba yakho; ndiyiphe abaLevi, nabangeneleli, neenkedama, nabahlolokazi, ngokomyalelo owandinika wona. Ewe, andiphambukanga okanye ndilibale namnye kwimiyalelo yakho ngesishumi.

14. Andityanga nento le kuso xa ndandizilile; andakhupha nento le kuso kowam umzi xa *ndandinomlaza; futhi andithathanga nento le kuso ndenza idini labangasekhoyo. Ndikuthobele, Ndikhoyo Thixo wam. Ewe, ndenze konke obundiyalele kona mayela nesishumi.

15. Ngoko ke khawondele ezantsi ukwelo khaya lakho likhethekileyo – izulu – ujonge usapho lwakho amaSirayeli, uwathi jize ngamathamsanqa, ngokunjalo nalo mhlaba usiphe wona. Ewe, yenza ngokwesifungo sakho koobawo-mkhulu – nditsho eso selizwe eliphuphuma ubisi nobusi.’ ”

16. “Namhlanje ke *uNdikhoyo uThixo wenu uniyalela ukuba niyithobele yonke imimiselo nemithetho yakhe. Ewe, nyanisekani niyithobele ngomxhelo wenu uphela.

17. “Ngokunjalo ke namhlanje niyivakalisile into yokuba uNdikhoyo nguThixo wenu; futhi nithembisile ukuba niya kumthobela, niyenze imimiselo nemiyalelo nemithetho yakhe.

18. Kunamhlanje nje ke uNdikhoyo uyivakalisile into yokuba unamkele naba ngabantu bakhe ncakasana ngokwesithembiso sakhe; ngoko ke uyaniyala, uthi yithobeleni imiyalelo yakhe.

19. Ke yena uya kuniphakamisa, nibe ngaphezu kwazo zonke izizwe awazidalayo, khon' ukuze nityibele nibonga nilizisele udumo nesithozela igama lakhe. Ngenene niya kuba ngabantu bakaNdikhoyo uThixo wenu ngokomlomo wakhe.”

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 26