Ewe, vuya, ube nemincili ngenxa yendyebo wena nendlu yakho akunike yona uNdikhoyo uThixo wakho. NabaLevi kunye nabangeneleli abahlala apho phakathi kwenu mababe nenxaxheba apho kulo msitho.