Ungayibiza inzala ngento oyiboleke intlanga, ungayibizi kumwenu. Xa uwuthobele lo myalelo uNdikhoyo uThixo wakho uya kuyithamsanqelisa yonke into oyenzayo kwelo lizwe uya kuma kulo.