Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 23:10-24 Ibhayibhile (XHO96)

10. Ukuba ijoni lithe *lanomlaza ngenxa yokuba lichithe ubudoda lilele, maliphumele ngaphandle, lihlale apho.

11. Kuya kuthi ke emalanga lihlambe umzimba, lize lithi lakutshona ilanga libuyele kwibutho lalo.

12. “Kufuneka ube nendawo yangasese ngaphandle qelele kwisikhululo sakho.

13. Phakathi kwezikrweqe zakho malubekho ulugxa, khon' ukuze uthi xa uye ese uzimbele umngxuma owohlala kuwo.

14. Kaloku *uNdikhoyo uThixo wakho uhlala kunye nawe, khon' ukuze akukhusele, ube nokuzoyisa iintshaba zakho. Ungaze wenze nto ilihlazo, khon' ukuze angakufulatheli uNdikhoyo.”

15. “Xa lithe ikhoboka lamshiya umninilo, labalekela kuwe, sukuligodusa.

16. Lingahlala nakuyiphi na idolophu eliyithandayo. Malingaphathwa gadalala.

17. “UmSirayeli, eyindoda okanye engumfazi, makangaze abe lihenyu lokunqula *izithixo.

18. Nemali efunyenwe ngale ndlela mayingaze iziswe endlwini *kaNdikhoyo uThixo ngenxa yaso nasiphi na isibhambathiso. Kaloku lo mkhwa ulisikizi kuNdikhoyo uThixo wakho.

19. “Xa umSirayeli eboleke imali, noba kukutya, okanye noba yintoni na kuwe, sukumbiza nzala.

20. Ungayibiza inzala ngento oyiboleke intlanga, ungayibizi kumwenu. Xa uwuthobele lo myalelo uNdikhoyo uThixo wakho uya kuyithamsanqelisa yonke into oyenzayo kwelo lizwe uya kuma kulo.

21. “Xa wenze isibhambathiso kuNdikhoyo uThixo wakho uzungalibazisi ukusifezekisa. Kaloku uNdikhoyo uyasibanga, ibe ke sisono ukungasiphumezi.

22. Akulotyala ukungenzi sibhambathiso;

23. kambe ke, xa usenzile, qiniseka ngokusifezekisa. Kaloku usenze ungàqhutywa mntu.

24. “Xa uhamba ngomlimandlela wesidiliya somntu, ungáyikha idiliya, uyitye kangangoko ufuna; kodwa uze ungayigaleli ntweni, uhambe nayo.

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 23