Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 23:14-19 Ibhayibhile (XHO96)

14. Kaloku *uNdikhoyo uThixo wakho uhlala kunye nawe, khon' ukuze akukhusele, ube nokuzoyisa iintshaba zakho. Ungaze wenze nto ilihlazo, khon' ukuze angakufulatheli uNdikhoyo.”

15. “Xa lithe ikhoboka lamshiya umninilo, labalekela kuwe, sukuligodusa.

16. Lingahlala nakuyiphi na idolophu eliyithandayo. Malingaphathwa gadalala.

17. “UmSirayeli, eyindoda okanye engumfazi, makangaze abe lihenyu lokunqula *izithixo.

18. Nemali efunyenwe ngale ndlela mayingaze iziswe endlwini *kaNdikhoyo uThixo ngenxa yaso nasiphi na isibhambathiso. Kaloku lo mkhwa ulisikizi kuNdikhoyo uThixo wakho.

19. “Xa umSirayeli eboleke imali, noba kukutya, okanye noba yintoni na kuwe, sukumbiza nzala.

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 23