Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 23:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Indoda elithenwa ngokutyunyuzwa, okanye enqunyulwe ubudoda, ize ingabandakanywa nebandla labantu *bakaNdikhoyo.

2. “Umntwana wombulo ngokunjalo nenzala yakhe kude kuye kwisizukulwana seshumi maze angabandakanywa nebandla labantu bakaNdikhoyo.

3. “UmAmon okanye umMowabhi, ngokunjalo nenzala yakhe kude kuye kwisizukulwana seshumi, aze angabandakanywa nebandla labantu bakaNdikhoyo.

4. Kaloku wona ala ukukupha ukutya namanzi ngokuya wawuvela eJiputa; ndaweni yaloo nto aqesha uBhalam unyana kaBhehore, owayephuma kwisixeko iPetore kwelaseMesopotami, ukuba akuqalekise.

5. Kodwa ke uNdikhoyo uThixo wakho zange amhoye uBhalam lowo; ndaweni yaloo nto wasijika isiqalekiso eso saba yintsikelelo ngenxa yokuba ekuthanda.

6. Ngalo lonke ixesha uzungaze ube nobudlelwane nezi zizwe okanye ukhuthaze inkqubela yazo.

7. “Ungaze uwajongele phantsi amaEdom; kaloku uyazalana nawo. NamaJiputa uzungaze uwajongele phantsi; kaloku wawukhe waba ngumphambukeli elizweni lawo.

8. Wona ukusukela kwisizukulwana sawo sesithathu angabandakanywa nebandla labantu bakaNdikhoyo.”

9. “Xa umkhosi wakho uphuma usiya kuhlasela utshaba mawuzigcine ungenzi nanye into engavumelekanga.

10. Ukuba ijoni lithe *lanomlaza ngenxa yokuba lichithe ubudoda lilele, maliphumele ngaphandle, lihlale apho.

11. Kuya kuthi ke emalanga lihlambe umzimba, lize lithi lakutshona ilanga libuyele kwibutho lalo.

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 23