Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 19:11-18 Ibhayibhile (XHO96)

11. “Kambe ke xa umntu elalele umwabo amthiyileyo wamgebenga engacingele nto, waza wabalekela kwenye yezi dolophu,

12. amadoda amakhulu aloo dolophu yakhe makamlande, amnikezele kwisizalwane sikamfi esingumphindezeli, size sisibulale isigebenga eso.

13. Umntu onjalo sukuba natarhu mpela kuye. Ubugebenga mabutshayelwe buphele tu kwaSirayeli, khon' ukuze nihlale ngoxolo.”

14. “Ungaze uwuhlehlise umlimandlela wentsimi yommelwane wakho. Kaloku wona wamiswa ngamanyange mandulo kwelo lizwe uliphiwe *nguNdikhoyo uThixo wakho.”

15. “Ingqina elinye alanele xa umntu ebekwa ityala, nokuba wone kanjani na. Ubutyala bommangalelwa kufuneka bumelwe ngamangqina amabini okanye amathathu.

16. Ukuba umntu okhohlakeleyo uzama ukudyobha omnye ngetyala,

17. bobabini mabasiwe phambi *koNdikhoyo endaweni yonqulo, ityala elo liphicothwe ngababingeleli nabagwebi abasesikhundleni.

18. Abagwebi mabenze uphando olunzulu, baze bathi xa befumanisa ukuba ummangali lo umdyoba nje uwabo lo,

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 19