Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 16:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. “*UNdikhoyo uThixo wakho uze umzimase ngokwenza umbhiyozo *wePasika ngenyanga ka-Abhibhi. Kaloku yena wakukhulula ngabusukwazana buthile ngayo le nyanga kwelaseJiputa.

2. Ngoko ke ngaloo mini uzuye kuloo ndawo yokunqula yalathwe nguNdikhoyo ukuzinzisa igama lakhe, ufike wenze idini ngegusha okanye inkomo, usenzela uNdikhoyo uThixo wakho isidlo sePasika.

3. Kweli theko ke isonka uzusitye singanyuswanga. Iintsuku ezisixhenxe ke uzusebenzise isonka esinganyuswanga, kwanjengokuba wênzayo ukumka kwakho eJiputa buphuthu-phuthu. Yitya eso sonka ke – sona kothiwa sisonka seenzingo – khon' ukuze ungaze uyilibale nanini na imini owaphuma ngayo eJiputa.

4. Isithuba seentsuku ezisixhenxe ke kofuneka kungabikho namnye apho kwelo lizwe lakho ugcina igwele endlwini yakhe. Inyama yaloo nto ixhelwe ngolo rhatya lokuqala ize ityiwe igqitywe kwangobo busuku.

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 16