Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 14:6-23 Ibhayibhile (XHO96)

6. naso nasiphi na isilwanyana esimpuphu zicandiweyo, futhi sisetyisa.

7. Isilwanyana emasityiwe sesineempuphu ezicandiweyo, esetyisayo. Yona inkamela, umvundla, nembila, azityiwa. Zona azihlambulukanga, kuba ziyetyisa, kodwa iimpuphu zazo azicandwanga.

8. Ngokunjalo nehagu ayityiwa, kuba nayo ayihlambulukanga; kaloku iimpuphu zayo zicandiwe, kodwa ayetyisi. Ezi zilwanyana ke ze ningazityi, futhi nezidumbu zazo ningaze nizichukumise.

9. “Zonke iindidi zeentlanzi ezinamaphiko namaxolo ningazitya.

10. Kambe ke yonke into ehlala emanzini ingenawo amaphiko namaxolo sanukuyitya, *inomlaza.

11. “Zonke iintaka ezihlambulukileyo ningazitya.

12-18. Kambe ke nazi ezingàtyiwayo: ukhozi, isikhova, ukhetshe, intambanane, untloyiya, ixhalanga, ihlungulu, inciniba, ingabangaba, ukhwalimanzi, udebeza, ingwamza, isihulu-hulu, ubhobhoyi, nelulwane – zonke ezi nezifana nazo.

19. Zonke izinambuzane ezibhabhayo ezingahlambulukanga mazingatyiwa.

20. Kambe ke ezihlambulukileyo ningazitya.

21. “Isilwanyana esifileyo asityiwa. Kambe ke zona iintlanga eziphakathi kwenu zingasitya, okanye ningasithengisa nakubahambi. Ke nina niyimilowo kaNdikhoyo uThixo wenu – abantu bakhe ncakasana.“Ningaze nipheke itakane ngobisi lukanina.”

22. “Kufuneka nisibekele bucala isishumi – oko kukuthi isahlulo seshumi kuyo yonke imveliso yakho yamasimi minyaka le.

23. Ngoko ke wosithatha isishumi eso, uye naso kulaa ndawo inyulwe *nguNdikhoyo uThixo wakho ukuze lizinze khona igama lakhe, usityele khona phambi kwakhe – noba yingqolowa, iwayini entsha, amafutha omnquma, okanye amazibulo enkomo noba ngawegusha. Le nto ke noyenza khon' ukuze nifunde ukuhlala nimhlonela uNdikhoyo uThixo wenu.

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 14