Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 14:22-27 Ibhayibhile (XHO96)

22. “Kufuneka nisibekele bucala isishumi – oko kukuthi isahlulo seshumi kuyo yonke imveliso yakho yamasimi minyaka le.

23. Ngoko ke wosithatha isishumi eso, uye naso kulaa ndawo inyulwe *nguNdikhoyo uThixo wakho ukuze lizinze khona igama lakhe, usityele khona phambi kwakhe – noba yingqolowa, iwayini entsha, amafutha omnquma, okanye amazibulo enkomo noba ngawegusha. Le nto ke noyenza khon' ukuze nifunde ukuhlala nimhlonela uNdikhoyo uThixo wenu.

24. Xa kunokwenzeka ukuba ithi kanti indawo leyo yonqulo ikude gqitha kumakhaya enu, ukuba nibe nako ukuthwala imveliso leyo anithamsanqele ngayo uNdikhoyo uThixo wenu, niye nayo kuyo, ze nenjenje:

25. Yithengiseni imveliso leyo, nize nithathe imali leyo, niye nayo apho kwindawo yonqulo.

26. Ze nifike nithenge ngayo nokuba yintoni na – ingayinkomo, igusha, iwayini, noba yenye into eselwayo, nantoni na eniyinqwenelayo. Nothi ke apho phambi koNdikhoyo uThixo wenu, nihlale kunye neentsapho zenu, nixhamle ezo zidlo nonwabile.

27. “Ningaze nibalahle abaLevi abahlala phakathi kwenu; kaloku bona abanamhlaba.

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 14